41. Wazithatha uYesu ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi, ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, ukuba bazabele abantu. Kwanezo ntlanzi zimbini wazabela bona bonke.
42. Batya ke bonke bahlutha.
43. Kwaqokelelwa okuseleyo esonkeni nasentlanzini, kwazalisa iingobozi ezilishumi elinambini.
44. Abo bâthi bazitya izonka ezo babekumawaka amahlanu amadoda.
45. Kwangoko ke uYesu wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bangene esikhitshaneni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, ngeli xa yena asindululayo isihlwele.
46. Akuba ke ebulisile, wemka waya kuthandaza entabeni.
47. Kuhlwe isikhitshana siphakathi elwandle, yena uYesu esele yedwa emhlabeni.
48. Wababona ke abafundi bebulaleka kukubheqa isikhitshana, kuba umoya wawuvela ngaphambili. Ke, emva kwentsimbi yesithathu ekuseni, waya kubo ehamba phezu kwamanzi olwandle. Xa wayeza kugqitha kubo,
49. bambona ehamba phezu kwamanzi olwandle, baza bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala,
50. kuba bambona bonke, babethwa luvalo.Kwangoko ke wathetha nabo, wathi kubo: “Zolani; ndim; musani ukoyika.”
51. Waya kukhwela apho esikhitshaneni, waza umoya wadamba. Bamangaliswa kunene,
52. kuba nommangaliso wezonka babengawuqondanga, kuba iintliziyo zabo zaziqaqadekile.
53. Bakuwelela ngaphesheya uYesu nabafundi bakhe bafika kwelaseGenesarete, basirhuqela elunxwemeni isikhitshana.