Yangena ke intombi kaHerodiya, yangqungqa yamkholisa uHerode nabo babesethekweni kunye naye. Waza ukumkani wathi kwintombi leyo: “Cela nantoni na oyifunayo; ndokupha.”