1. Wemka apho uYesu, wabuyela kowabo, elandelwa ngabafundi bakhe.
2. Uthe ke, kwakuba *nguMhla woPhumlo, wafundisa *endlwini yesikhungo. Kwakukho abantu abaninzi apho, abathe, bakuva, bamangaliswa, besithi: “Lo uyithathe phi na yonke le nto? Bulumko buni na obu abunikiweyo ukuze enze imimangaliso elolu hlobo?
3. Lo akanguye na umchweli, unyana kaMariya, umntakwabo-Yakobi noYose noJuda noSimon? Noodade wabo abakho na apha phakathi kwethu?” Ngenxa yale nto ke bambukula.
4. Ke uYesu wathi kubo: “Kakade *umshumayeli uyayinikwa imbeko; kukowabo kuphela, kwizizalwana zakhe, ekhayeni lakhe, apho angayifumaniyo khona.”
5. Wayengenako ke ukwenza namnye ummangaliso apho, ngaphandle kokuba abeke izandla kwimilwelwe embalwa, ayiphilise.