Umarko 5:5-10 Ibhayibhile (XHO96)

5. Wayesithi ubusuku nemini ahlale ezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezixuzula ngamatye.

6. Uthe ke, akubona uYesu esekude, wabaleka, waya kuguqa phambi kwakhe,

7. wakhala kakhulu, wathi: “Ufuna ntoni na kum, Yesu, Nyana kaThixo uPhezukonke? Funga uThixo ukuba akuyi kundithuthumbisa.”

8. Wayesitsho kuba uYesu wayethe kuye: “Phuma kuloo mntu, ndimonindini.”

9. UYesu ke wambuza esithi: “Ungubani wena igama lakho?” Waphendula esithi: “NdinguMkhosi, kuba sibaninzi.”

10. Watsho ebongoza uYesu ukuba iindimoni ezo angazigxothi zimke kwelo zwe.

Umarko 5