Umarko 5:1-17 Ibhayibhile (XHO96)

1. Bafika phesheya koLwandle lwaseGalili, kummandla welaseGerasa.

2. Akuba uYesu ephumile esikhitshaneni, wahlangatyezwa ngumntu onendimoni, esuka emangcwabeni,

3. apho wayehlala khona. Ke kwakungekho bani unako ukumbopha nangamatyathanga.

4. Wayemana ebotshwa ngamakhamandela nangamatyathanga, kodwa awaqhawule amatyathanga, awakroboze namakhamandela. Kwakungekho bani unako ukumthoboza.

5. Wayesithi ubusuku nemini ahlale ezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezixuzula ngamatye.

6. Uthe ke, akubona uYesu esekude, wabaleka, waya kuguqa phambi kwakhe,

7. wakhala kakhulu, wathi: “Ufuna ntoni na kum, Yesu, Nyana kaThixo uPhezukonke? Funga uThixo ukuba akuyi kundithuthumbisa.”

8. Wayesitsho kuba uYesu wayethe kuye: “Phuma kuloo mntu, ndimonindini.”

9. UYesu ke wambuza esithi: “Ungubani wena igama lakho?” Waphendula esithi: “NdinguMkhosi, kuba sibaninzi.”

10. Watsho ebongoza uYesu ukuba iindimoni ezo angazigxothi zimke kwelo zwe.

11. Kwakukho umhlambi omkhulu weehagu usidla apho ngasentabeni;

12. zaza iindimoni ezo zambongoza uYesu, zisithi: “Sithumele ezihagwini, singene kuzo.”

13. Wazivumela ke; zaza zaphuma iindimoni, zaya kungena ezihagwini. Ke umhlambi lowo, owawumalunga namawaka amabini eehagu, waphaphatheka, wehla ethambekeni, waya kweyela elwandle, warhaxwa.

14. Bathe ke abo babezalusa ezi hagu babaleka, bakuxela edolophini nasemaphandleni okwenzekileyo. Baphuma ke abantu baya kubona oko kwenzekileyo.

15. Bafika kuYesu, bambona lowo ubephethwe ngumkhosi weendimoni ehleli phantsi, enxibile, esezingqondweni; baza boyika.

16. Abo babeyibonile loo nto babaxelela okwenzekileyo kobephethwe ziindimoni, nokwenzekileyo ezihagwini.

17. Baza ke bambongoza uYesu ukuba emke kuloo mmandla wabo.

Umarko 5