8. Enye yawa kumhlaba olungileyo, yakhula, yachuma, yavelisa isiqhamo: enye amashumi amathathu, enye amashumi amathandathu, nenye ikhulu.”
9. Wathi ke kubo uYesu: “Oneendlebe zokuva makeve.”
10. Ke kaloku kwathi xa uYesu wayenâbo babengakuye, bekunye nabafundi abalishumi elinambini, bambuza ngale mizekeliso.
11. Wathi kubo: “Nikuphiwe nina okokuba niyazi indlela yokulawula kukaThixo, kodwa abo bangakuphiwanga baziva ngemizekeliso nje zonke ezi zinto;
12. ukuze, njengoko zitshoyo *iziBhalo,“ ‘Bebona nje, babone bangaqiqi;besiva nje, beve bangaqondi;hleze baguquke, baxolelwe.’”