Umarko 4:35-37 Ibhayibhile (XHO96)

35. Kwangaloo mini ngokuhlwa uYesu wathi kubafundi bakhe: “Masiwele siye ngaphesheya koLwandle lwaseGalili.”

36. Basishiya ke isihlwele, bemka noYesu esesikhitshaneni apho, kukho nezinye izikhitshana.

37. Ke kwabakho isaqhwithi esikhulu, amaza aphoseka esikhitshaneni, saza isikhitshana saphantse sazala ngamanzi.

Umarko 4