1. Kwakhona uYesu wafundisa ngaselwandle. Saza isihlwele esasihlanganisene ngakuye saba sikhulu kangangokude yena aye kukhwela esikhitshaneni, ahlale kuso elwandle. Isihlwele sona sasiselunxwemeni apho.
2. Ke wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi:
3. “Kwakukho umhlwayeli owaphuma waya kuhlwayela.
4. Ekuhlwayeleni kwakhe inxenye yembewu yawa endleleni, zafika iintaka zayichola zayigqiba.
5. Enye imbewu yawa endaweni elulwalwa, apho kwakungekho mhlaba waneleyo; yantshula ke kwangoko, ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba.
6. Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela.
7. Enye yawa endaweni enokhula, olwathi lwakukhula, lwayiminxa, ayaba nasiqhamo.
8. Enye yawa kumhlaba olungileyo, yakhula, yachuma, yavelisa isiqhamo: enye amashumi amathathu, enye amashumi amathandathu, nenye ikhulu.”
9. Wathi ke kubo uYesu: “Oneendlebe zokuva makeve.”
10. Ke kaloku kwathi xa uYesu wayenâbo babengakuye, bekunye nabafundi abalishumi elinambini, bambuza ngale mizekeliso.
11. Wathi kubo: “Nikuphiwe nina okokuba niyazi indlela yokulawula kukaThixo, kodwa abo bangakuphiwanga baziva ngemizekeliso nje zonke ezi zinto;
12. ukuze, njengoko zitshoyo *iziBhalo,“ ‘Bebona nje, babone bangaqiqi;besiva nje, beve bangaqondi;hleze baguquke, baxolelwe.’”
13. Wathi ke kubo uYesu: “Aniwulandeli na lo mzekeliso? Niya kuyazi kanjani kakade imizekeliso?