Umarko 3:7-19 Ibhayibhile (XHO96)

7. Wemka uYesu, enabafundi bakhe, waya elwandle. Yamlandela inkitha yabantu, ivela kwelaseGalili, nakwelakwaJuda,

8. naseJerusalem, nase-Edom, naphesheya kweJordan, nakwimimandla yeTire neSidon. Loo nkitha ininzi yeza kuYesu, kuba yayivile ngemimangaliso yakhe.

9. Wathi kubafundi bakhe mabamlungiselele isikhitshana, hleze axinwe sisihlwele,

10. kuba wayephilise abantu abaninzi, baza bonke abanezifo bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise.

11. Naxa sukuba abantu abaneendimoni bembona, babesiwa phambi kwakhe, bakhale, besithi: “Unguye wena uNyana kaThixo!”

12. Wayebakhalimela kakhulu ke ukuba bangamazisi ebantwini.

13. UYesu ke wenyuka intaba, wabiza abo wayefuna bamlandele. Baya kuye ke,

14. waza wamisela abalishumi elinambini awababiza ngokuba *ngabathunywa, ebamisela ukuba babe kunye naye nokuba abathume baye kushumayela,

15. ebanike igunya lokukhupha iindimoni.

16. Wamisela aba ke: uSimon, awamthiya igama elinguPetros;

17. uYakobi, unyana kaZebhedi, noYohane umninawe wakhe, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi ngooSatsha;

18. uAndreya noFilipu, noBhartolomeyu, noMatewu, noTomas, noYakobi unyana ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon owayengoweqela lamaTsha-ntliziyo,

19. noJudas Sikariyoti, owayeza kumngcatsha.

Umarko 3