Umarko 3:30-35 Ibhayibhile (XHO96)

30. UYesu watsho kuba babesithi unendimoni.

31. Kwafika abantakwabo-Yesu kunye nonina, baza bathi, bemi ngaphandle, bayaleza ukuba makabizwe.

32. Wayengqongwe sisihlwele sabantu, kwaza kwakho othi kuye: “Uxolo, nanku unyoko nabantakwenu ngaphandle, bekufuna.”

33. Wabaphendula esithi: “Ngubani umama? Ngoobani bona abantakwethu?”

34. Ebasingasingile ke abo babemngqongile, wathi: “Nguye lo umama nabantakwethu.

35. Kaloku lowo uthe wakwenza ukuthanda kukaThixo nguye ongumntakwethu, nodade wethu, nomama.”

Umarko 3