Umarko 3:15-29 Ibhayibhile (XHO96)

15. ebanike igunya lokukhupha iindimoni.

16. Wamisela aba ke: uSimon, awamthiya igama elinguPetros;

17. uYakobi, unyana kaZebhedi, noYohane umninawe wakhe, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi ngooSatsha;

18. uAndreya noFilipu, noBhartolomeyu, noMatewu, noTomas, noYakobi unyana ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon owayengoweqela lamaTsha-ntliziyo,

19. noJudas Sikariyoti, owayeza kumngcatsha.

20. UYesu ke wangena endlwini, kwaza kwakhona kwabuthelana isihlwele. Kwakuxinene kangangokuba yena nabafundi bakhe bangabi nako nokutya oku.

21. Bevile ngale nto, abakowabo baphuma besiya kumphuthuma, kuba kwakusithiwa: “Ushiywe ziingqondo.”

22. Ke abachazi-mthetho ababevela eJerusalem babesithi unoSathana, besithi iindimoni ezi uzikhupha ngomphathi wazo.

23. Ebabizele kuye abantu, uthethe nabo ezekelisa, esithi: “Angáthini na uSathana ukukhupha uSathana?

24. Kaloku isizwe esivukelana sodwa siyachithakala;

25. nomzi ovukelana wodwa uyachithakala.

26. NoSathana ke, ukuba uvukelana noSathana, uya kuphanza angabikho.

27. “Akukho bani unako ukungena endlwini yegorha, aze aphange impahla yalo, engathanga kuqala alibophe elo gorha, aze ke andule ukuyiphanga indlu yalo.

28. “Inene, baya kuzixolelwa zonke izono oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo;

29. kodwa yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lesono esingatshitshiyo.”

Umarko 3