Umarko 3:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. Wayebakhalimela kakhulu ke ukuba bangamazisi ebantwini.

13. UYesu ke wenyuka intaba, wabiza abo wayefuna bamlandele. Baya kuye ke,

14. waza wamisela abalishumi elinambini awababiza ngokuba *ngabathunywa, ebamisela ukuba babe kunye naye nokuba abathume baye kushumayela,

15. ebanike igunya lokukhupha iindimoni.

16. Wamisela aba ke: uSimon, awamthiya igama elinguPetros;

Umarko 3