11. Naxa sukuba abantu abaneendimoni bembona, babesiwa phambi kwakhe, bakhale, besithi: “Unguye wena uNyana kaThixo!”
12. Wayebakhalimela kakhulu ke ukuba bangamazisi ebantwini.
13. UYesu ke wenyuka intaba, wabiza abo wayefuna bamlandele. Baya kuye ke,
14. waza wamisela abalishumi elinambini awababiza ngokuba *ngabathunywa, ebamisela ukuba babe kunye naye nokuba abathume baye kushumayela,
15. ebanike igunya lokukhupha iindimoni.
16. Wamisela aba ke: uSimon, awamthiya igama elinguPetros;
17. uYakobi, unyana kaZebhedi, noYohane umninawe wakhe, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi ngooSatsha;
18. uAndreya noFilipu, noBhartolomeyu, noMatewu, noTomas, noYakobi unyana ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon owayengoweqela lamaTsha-ntliziyo,
19. noJudas Sikariyoti, owayeza kumngcatsha.
20. UYesu ke wangena endlwini, kwaza kwakhona kwabuthelana isihlwele. Kwakuxinene kangangokuba yena nabafundi bakhe bangabi nako nokutya oku.
21. Bevile ngale nto, abakowabo baphuma besiya kumphuthuma, kuba kwakusithiwa: “Ushiywe ziingqondo.”
22. Ke abachazi-mthetho ababevela eJerusalem babesithi unoSathana, besithi iindimoni ezi uzikhupha ngomphathi wazo.
23. Ebabizele kuye abantu, uthethe nabo ezekelisa, esithi: “Angáthini na uSathana ukukhupha uSathana?
24. Kaloku isizwe esivukelana sodwa siyachithakala;
25. nomzi ovukelana wodwa uyachithakala.
26. NoSathana ke, ukuba uvukelana noSathana, uya kuphanza angabikho.