22. Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili, kuba ukuba uthe wenjenjalo, zogqabhuka ziphele iimvaba, ichitheke iwayini. Kaloku iwayini engekabili ithiwa kwiimvaba ezintsha.”
23. Kwathi uYesu ecanda emasimini *ngoMhla wokuPhumla, abafundi bakhe basuka bakha izikhwebu zengqolowa.
24. Bathi ke kuye *abaFarasi: “Khawutsho, kungani na ukuba abafundi bakho benze okungavumelekanga ngoMhla woPhumlo?”
25. Uthe ke yena kubo: “Anizange nikufunde na awakwenzayo uDavide, mhla walamba engenanto ityiwayo, yena neqela lakhe?
26. Kaloku wangena endlwini kaThixo ngemihla ka-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo, wanika neqela lakhe. Kanti ngokomthetho ezi zonka azimelwe kutyiwa ngabangengobabingeleli.”
27. Waza wathi ke kubo: “UMhla woPhumlo lo wabakho ngenxa yomntu, asinguye umntu owabakho ngenxa yawo.
28. Ngoko ke uNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla woPhumlo.”