Umarko 2:2-9 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ke kwahlanganisana into eninzi yabantu, kwada akwabikho ndawo nangasemnyango.Kwathi ke xa uYesu wayesashumayela,

3. kwafika abantu, bezise kuye umntu ofe umzimba, ethwelwe ngabané.

4. Bakuba bengenakusondela kuYesu ngenxa yokuxinana kwendimbane, baqhaqhe uphahla ngakuloo ndawo wayekuyo. Begqobhozile ke, bamhlisa ngokhuko lowo ufe umzimba.

5. UYesu akulubona ukholo lwabo, wathi kofe umzimba: “Nyana, izono zakho zixolelwe.”

6. Abachazi-mthetho abathile, ababekhona, bathi ezintliziyweni zabo:

7. “Yini na ukuba lo athethe ngolu hlobo? Uyanyelisa! Ngubani onako ukuxolela izono ingenguye uThixo kuphela?”

8. Kwangoko uYesu wazazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Yini na ukuba nibe nezi ngcamango ezintliziyweni zenu?

9. Okukona kulula kukuphi na? Kukho ukuthi kofe umzimba: ‘Izono zakho zixolelwe,’ kukho nokuthi: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho uhambe’?

Umarko 2