Umarko 2:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwakuba ntsuku, uYesu wabuyela eKapernahum; kwavakala ukuba usekhayeni lakhe.

2. Ke kwahlanganisana into eninzi yabantu, kwada akwabikho ndawo nangasemnyango.Kwathi ke xa uYesu wayesashumayela,

3. kwafika abantu, bezise kuye umntu ofe umzimba, ethwelwe ngabané.

4. Bakuba bengenakusondela kuYesu ngenxa yokuxinana kwendimbane, baqhaqhe uphahla ngakuloo ndawo wayekuyo. Begqobhozile ke, bamhlisa ngokhuko lowo ufe umzimba.

5. UYesu akulubona ukholo lwabo, wathi kofe umzimba: “Nyana, izono zakho zixolelwe.”

6. Abachazi-mthetho abathile, ababekhona, bathi ezintliziyweni zabo:

Umarko 2