Umarko 16:14-20 Ibhayibhile (XHO96)

14. Emva koko uYesu wazibonakalisa kubafundi abalishumi elinanye besetafileni. Wabakhalimela ngenxa yokungakholwa kwabo nangenxa yokuba lukhuni kweentliziyo zabo, kuba bengakholwa kubo abo babembonile evukile.

15. Wathi ke kubo: “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezimnandi kulo lonke elimiweyo.

16. Lowo ukholwayo abhaptizwe wosindiswa; ke yena ongakholwayo wogwetywa.

17. Nantsi imiqondiso eya kulandelana nâbo bakholwayo: baya kuthi egameni lam bakhuphe iindimoni; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha;

18. baya kuziphatha ngesandla iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayiyi kukha ibenzakalise; baya kuyibeka izandla imilwelwe, iphile.”][

19. Emva kokuthetha nabo, iNkosi uYesu yanyuselwa ezulwini, yaya kuhlala ewongeni kwaThixo.

20. Ke bona abafundi bâya kushumayela kuzo zonke iindawo, iNkosi isebenza kunye nabo, iwangqina amazwi abo ngemiqondiso.]

Umarko 16