Umarko 16:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ekupheleni *koMhla wokuPhumla ooMariya waseMagadala noMariya unina kaYakobi, noSalomi, bathenga iziqholo, ukuze baye kuwuqhola umzimba kaYesu.

2. Bona ke bathi, ukuthi chapha kwelanga, kusekusasa kakhulu ngeCawe, baya engcwabeni.

3. Babethetha bodwa, besithi: “Ngubani na oya kusiqengqela ilitye lisuke engcwabeni?”

4. Elo litye lalilikhulu kakhulu, baza bathi bakukhangela babona ukuba liqengqiwe lesuka engcwabeni.

5. Bangena ke engcwabeni, babona indodana ehleli ngasekunene, izithe wambu ngengubo ende emhlophe, baza bamangaliswa.

Umarko 16