Umarko 15:22-32 Ibhayibhile (XHO96)

22. Amsa ke uYesu endaweni ekuthiwa yiGolgota (oko kukuthi, xa kuguqulwayo, iNdawo yoKhakhayi).

23. Apho ke amnika iwayini enesiyobisi, kodwa akavumanga ukuyisela.

24. Ambethelela ke emnqamlezweni uYesu, aza abelana ngeengubo zakhe, esenza *amaqashiso ngazo, ukuze othile athathe ethile.

25. Ke kaloku kwakungentsimbi yethoba kusasa ukumbethelela kwabo emnqamlezweni.

26. Phezulu emnqamlezweni kwakubhalwe ityala lakhe, kwathiwa: “UKumkani wamaJuda.”

27. Kwakubethelelwe kunye naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo. [

28. Kwazaliseka ke okubhalwe *eziBhalweni kusithiwa: “Wabalelwa kwabachasene nomthetho.” ]

29. Abadlulayo babemnyelisa uYesu, behlunguzela iintloko, besithi: “Tshotsho! Wena uchitha *indlu kaThixo, uyakhe ngeentsuku ezintathu,

30. zisindise uhle emnqamlezweni!”

31. Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko babehlekisa ngaye, bezithethela bekunye nabachazi-mthetho, besithi: “Abanye wabasindisa, kodwa yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa.

32. *UKrestu, uKumkani wakwaSirayeli, makehle kaloku emnqamlezweni, sibone, size sikholwe.”Kwanâbo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye babemenza isigculelo.

Umarko 15