Umarko 15:20-34 Ibhayibhile (XHO96)

20. Athi ke akuba ehlekise ngaye, amhluba loo ngubo ibomvu, amambathisa kwaezakhe, aphuma naye esiya kumbethelela emnqamlezweni.

21. Amajoni ke anyanzela umntu othile, owayedlula evela emaphandleni, ukuba athwale umnqamlezo kaYesu. Lowo wayenguSimon waseKirene, uyise ka-Alesandire noRufo.

22. Amsa ke uYesu endaweni ekuthiwa yiGolgota (oko kukuthi, xa kuguqulwayo, iNdawo yoKhakhayi).

23. Apho ke amnika iwayini enesiyobisi, kodwa akavumanga ukuyisela.

24. Ambethelela ke emnqamlezweni uYesu, aza abelana ngeengubo zakhe, esenza *amaqashiso ngazo, ukuze othile athathe ethile.

25. Ke kaloku kwakungentsimbi yethoba kusasa ukumbethelela kwabo emnqamlezweni.

26. Phezulu emnqamlezweni kwakubhalwe ityala lakhe, kwathiwa: “UKumkani wamaJuda.”

27. Kwakubethelelwe kunye naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo. [

28. Kwazaliseka ke okubhalwe *eziBhalweni kusithiwa: “Wabalelwa kwabachasene nomthetho.” ]

29. Abadlulayo babemnyelisa uYesu, behlunguzela iintloko, besithi: “Tshotsho! Wena uchitha *indlu kaThixo, uyakhe ngeentsuku ezintathu,

30. zisindise uhle emnqamlezweni!”

31. Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko babehlekisa ngaye, bezithethela bekunye nabachazi-mthetho, besithi: “Abanye wabasindisa, kodwa yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa.

32. *UKrestu, uKumkani wakwaSirayeli, makehle kaloku emnqamlezweni, sibone, size sikholwe.”Kwanâbo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye babemenza isigculelo.

33. Ke kaloku ngentsimbi yeshumi elinambini emini, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini.

34. Ngentsimbi yesithathu ke, uYesu wakhala ngezwi elikhulu, esithi: “Eloyi, Eloyi, lama sabaktani?” (Oko kukuthi xa kuguqulwayo: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?”)

Umarko 15