1. Kwakusa ke, ababingeleli abaziintloko benza isigqibo, benamadoda amakhulu nabachazi-mthetho *neBhunga liphela. Bambopha ke uYesu, bemka naye, bamnikela kuPilato.
2. UPilato wambuza esithi: “Unguye na ukumkani wamaJuda?”Waphendula yena wathi kuye: “Nawe utsho.”
3. Bammangalela ke uYesu ngeendawo ezininzi ababingeleli abaziintloko.
4. Waphinda uPilato wambuza esithi: “Akuphenduli nento le na? Khangela ukuba ninzi kwazo iindawo abakumangalela ngazo.”
5. Noko ke uYesu akaphendulanga nento le, ngokokude amangaliswe uPilato.
6. Ke kaloku *ngePasika uPilato wayedla ngokubakhululela umbanjwa abe mnye – lowo ke babethi bamcele.
7. Ke kwakukho mbanjwa uthile unguBharabha owayebanjwe kunye nabanye abenzi besaqunge, ababebanjwe ngokubulala xa kwakukho isidubedube.
8. Safika ke isihlwele, saza sacela ukuba uPilato enze ngokwesiqhelo.
42-43. Kuthe ke kwakuba kuhlwile, kwafika uJosefu waseArimati. Yena wayelilungu elibekekileyo *leBhunga, elulindele naye ulawulo lukaThixo. Ekubeni ke kwakuyimini yokulungiselela (oko kukuthi umhla ophambi *kowokuPhumla), yena waya kungena ngobuganga kuPilato, wawucela umzimba kaYesu.