Umarko 15:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwakusa ke, ababingeleli abaziintloko benza isigqibo, benamadoda amakhulu nabachazi-mthetho *neBhunga liphela. Bambopha ke uYesu, bemka naye, bamnikela kuPilato.

2. UPilato wambuza esithi: “Unguye na ukumkani wamaJuda?”Waphendula yena wathi kuye: “Nawe utsho.”

3. Bammangalela ke uYesu ngeendawo ezininzi ababingeleli abaziintloko.

Umarko 15