Umarko 14:7-10 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kaloku amahlwempu lawo nihleli ninawo: nanini na nakuthanda ningawanceda. Mna ke anihleli ninam.

8. Le ntokazi yenze loo nto ibinokuyenza. Umzimba wam iwuthambisele ukungewatywa kwangaphambili.

9. Ndithi kuni, inene, naphi na apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zimnandi kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto iyenzileyo yona, ibe sisikhumbuzo ngayo.”

10. UJudas Sikariyoti, omnye wabafundi abalishumi elinambini, wesuka ke waya kubabingeleli abaziintloko ukuze amnikele kubo uYesu.

Umarko 14