Umarko 14:68-71 Ibhayibhile (XHO96)

68. Wakhanyela esithi: “Andazani konke nale nto uyithethayo!” Waphuma ke esiya ngasesangweni.

69. Isicakazana eso siphinde sambona, saza sathi kwabo babemi khona: “Lo ngomnye wabo.”

70. Waphinda ke wakhanyela uPetros.Kwathi, kwakuba mzuzwana, abo babemi khona baphinda bathi kuPetros: “Inene, ungomnye wabo, kuba ungowaseGalili.”

71. Waza ke uPetros waziqalekisa efunga esithi: “Andimazi lo mntu nithetha ngaye!”

Umarko 14