59. Kanti ke nobabo ubungqina babungadibani.
60. Waphakama ke umbingeleli omkhulu, wabuza kuYesu esithi: “Phika, watyholwa! Ithini impendulo yakho?”
61. Kodwa yena wahlala wathi tu, akaphendula. Waphinda umbingeleli omkhulu wambuza esithi: “Unguye na *uKrestu, uNyana walowo ungowokubongwa?”
62. Wathi ke uYesu: “Ndinguye. Nangoku niya kumbona *uNyana woLuntu, ehleli ewongeni kwaSomandla, nimbone esiza ngamafu ezulu.”
63. Wazikrazula iingubo zakhe umbingeleli omkhulu, esithi: “Sisawafunelani na amangqina?
64. Nikuvile ukunyelisa kwakhe. Nithini na nina?”Bamgweba ke bonke ukuba unetyala, besithi ufanele ukufa.
65. Yaza ke inxenye yabo yamtshicela, yamgquma ubuso, yambetha, isithi kuye: “Xela; ubethwe ngubani?” Nezicaka ke zamntlitha-ntlitha.
66. UPetros ke esezantsi eyadini yomzi, kweza kuye esinye kwizicakazana zombingeleli omkhulu.
67. Sithi sona sakumbona uPetros esotha, samqwalasela, sathi: “Nawe ubunaye umNazarete uYesu.”
68. Wakhanyela esithi: “Andazani konke nale nto uyithethayo!” Waphuma ke esiya ngasesangweni.
69. Isicakazana eso siphinde sambona, saza sathi kwabo babemi khona: “Lo ngomnye wabo.”
70. Waphinda ke wakhanyela uPetros.Kwathi, kwakuba mzuzwana, abo babemi khona baphinda bathi kuPetros: “Inene, ungomnye wabo, kuba ungowaseGalili.”
71. Waza ke uPetros waziqalekisa efunga esithi: “Andimazi lo mntu nithetha ngaye!”
72. Yakhala okwesibini inkuku. Walikhumbula uPetros ilizwi awayelithethe kuye uYesu, esithi: “Ingekakhali kabini inkuku, woba undikhanyele kathathu.” Woyisakala ke, walila.