Umarko 14:54-66 Ibhayibhile (XHO96)

54. Ke yena uPetros walandela uYesu ebekele kude, wada waya kungena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, wahlala phantsi ndawonye nezicaka, wotha umlilo.

55. Ke ababingeleli abaziintloko nalo lonke *iBhunga babefuna ubungqina ngoYesu, ukuze bambulale, kodwa ababufumananga,

56. kuba nangona babebaninzi ababethetha ubuxoki ngaye, ubungqina babo babungahlangani.

57. Basuka ke abathile bangqina ubuxoki ngaye, besithi:

58. “Thina samva esithi: ‘Mna ndiya kuyichitha le *ndlu kaThixo yakhiwe ngabantu, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engakhiwanga ngabantu.’ ”

59. Kanti ke nobabo ubungqina babungadibani.

60. Waphakama ke umbingeleli omkhulu, wabuza kuYesu esithi: “Phika, watyholwa! Ithini impendulo yakho?”

61. Kodwa yena wahlala wathi tu, akaphendula. Waphinda umbingeleli omkhulu wambuza esithi: “Unguye na *uKrestu, uNyana walowo ungowokubongwa?”

62. Wathi ke uYesu: “Ndinguye. Nangoku niya kumbona *uNyana woLuntu, ehleli ewongeni kwaSomandla, nimbone esiza ngamafu ezulu.”

63. Wazikrazula iingubo zakhe umbingeleli omkhulu, esithi: “Sisawafunelani na amangqina?

64. Nikuvile ukunyelisa kwakhe. Nithini na nina?”Bamgweba ke bonke ukuba unetyala, besithi ufanele ukufa.

65. Yaza ke inxenye yabo yamtshicela, yamgquma ubuso, yambetha, isithi kuye: “Xela; ubethwe ngubani?” Nezicaka ke zamntlitha-ntlitha.

66. UPetros ke esezantsi eyadini yomzi, kweza kuye esinye kwizicakazana zombingeleli omkhulu.

Umarko 14