54. Ke yena uPetros walandela uYesu ebekele kude, wada waya kungena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, wahlala phantsi ndawonye nezicaka, wotha umlilo.
55. Ke ababingeleli abaziintloko nalo lonke *iBhunga babefuna ubungqina ngoYesu, ukuze bambulale, kodwa ababufumananga,
56. kuba nangona babebaninzi ababethetha ubuxoki ngaye, ubungqina babo babungahlangani.
57. Basuka ke abathile bangqina ubuxoki ngaye, besithi:
58. “Thina samva esithi: ‘Mna ndiya kuyichitha le *ndlu kaThixo yakhiwe ngabantu, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engakhiwanga ngabantu.’ ”