Umarko 14:46-55 Ibhayibhile (XHO96)

46. Bambamba ke uYesu,

47. waza omnye wâbo babemi khona, warhola ikrele, wasixabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe.

48. UYesu ke wathi kubo: “Niphumele ukuza kubamba mna, ninamakrele neentonga nje, ngokungathi niphumele isihange?

49. Bendinani imihla ngemihla ndifundisa *endlwini kaThixo, naza anandibamba. Kodwa kunje ukuze zizaliseke *iziBhalo.”

50. Emva koko ke babaleka bonke abafundi, bamshiya.

51. UYesu wayelandelwa yindodana ethile, ithe wambu ingubo yelinen kuphela. Yona yabanjwa,

52. kodwa yasuka yayishiya ingubo leyo, yabaleka izé.

53. UYesu ke bamsa kumbingeleli omkhulu, baza babuthelana khona bonke ababingeleli abaziintloko, namadoda amakhulu, nabachazi-mthetho.

54. Ke yena uPetros walandela uYesu ebekele kude, wada waya kungena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, wahlala phantsi ndawonye nezicaka, wotha umlilo.

55. Ke ababingeleli abaziintloko nalo lonke *iBhunga babefuna ubungqina ngoYesu, ukuze bambulale, kodwa ababufumananga,

Umarko 14