41. Wafika ke okwesithathu, wathi kubo: “Nisalele? Nisaphumla na? Kwanele! Lifikile ixesha! Ngoku *uNyana woLuntu unikelwa ezandleni zaboni.
42. Vukani, sihambe! Nanko lowo undinikelayo.”
43. Kwangoko, uYesu esathetha, wathi gqi uJudas ongomnye wabafundi abalishumi elinambini, ehamba nendimbane inamakrele neentonga, iphuma kubabingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho namadoda amakhulu.
44. Ke kaloku umngcatshi lowo wayebanike umqondiso esithi: “Lowo ndithe ndamanga, nguye. Mbambeni, nimke naye angaphuncuki.”
45. Efikile ke uJudas, uye kuYesu, wathi: “Mfundisi!” Wamanga.
46. Bambamba ke uYesu,
47. waza omnye wâbo babemi khona, warhola ikrele, wasixabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe.
48. UYesu ke wathi kubo: “Niphumele ukuza kubamba mna, ninamakrele neentonga nje, ngokungathi niphumele isihange?
49. Bendinani imihla ngemihla ndifundisa *endlwini kaThixo, naza anandibamba. Kodwa kunje ukuze zizaliseke *iziBhalo.”