40. Wathi akubuya wabafumana belele, kuba babesoyiswa bubuthongo. Bona ke baxakwa kukumphendula.
41. Wafika ke okwesithathu, wathi kubo: “Nisalele? Nisaphumla na? Kwanele! Lifikile ixesha! Ngoku *uNyana woLuntu unikelwa ezandleni zaboni.
42. Vukani, sihambe! Nanko lowo undinikelayo.”
43. Kwangoko, uYesu esathetha, wathi gqi uJudas ongomnye wabafundi abalishumi elinambini, ehamba nendimbane inamakrele neentonga, iphuma kubabingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho namadoda amakhulu.
44. Ke kaloku umngcatshi lowo wayebanike umqondiso esithi: “Lowo ndithe ndamanga, nguye. Mbambeni, nimke naye angaphuncuki.”
45. Efikile ke uJudas, uye kuYesu, wathi: “Mfundisi!” Wamanga.
46. Bambamba ke uYesu,
47. waza omnye wâbo babemi khona, warhola ikrele, wasixabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe.
48. UYesu ke wathi kubo: “Niphumele ukuza kubamba mna, ninamakrele neentonga nje, ngokungathi niphumele isihange?
49. Bendinani imihla ngemihla ndifundisa *endlwini kaThixo, naza anandibamba. Kodwa kunje ukuze zizaliseke *iziBhalo.”
50. Emva koko ke babaleka bonke abafundi, bamshiya.
51. UYesu wayelandelwa yindodana ethile, ithe wambu ingubo yelinen kuphela. Yona yabanjwa,
52. kodwa yasuka yayishiya ingubo leyo, yabaleka izé.
53. UYesu ke bamsa kumbingeleli omkhulu, baza babuthelana khona bonke ababingeleli abaziintloko, namadoda amakhulu, nabachazi-mthetho.