Umarko 14:31-40 Ibhayibhile (XHO96)

31. Kodwa yena waqokela wathi: “Noba kungade kufuneke ndife kunye nawe, andingekhe ndikukhanyele!”Batsho ke bonke.

32. Ke kaloku bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane; waza uYesu wathi kubafundi bakhe: “Hlalani apha ngeli xa ndithandazayo.”

33. Wahamba noPetros noYakobi noYohane, waza wangenwa luvalo, wadandatheka kakhulu,

34. wathi kubo: “Intliziyo yam ibuhlungu ukufa, iligazi. Hlalani apha nilinde.”

35. Ehambele phambili umganyana ke, wawa emhlabeni, wathandazela ukuba loo ndebe ikrakra idlule kuye ukuba kunokwenzeka.

36. Wayesithi ke: “Bawo, wena akuxakwa nto. Yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.”

37. Wafika ke, wabafumana abo bafundi belele, wathi kuPetros: “Simon, ulele? Ubungenakulinda na okweli thutyana?

38. Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Umoya wona okunene unentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.”

39. Wabuya wemka, waya kuthandaza kwangalawa mazwi.

40. Wathi akubuya wabafumana belele, kuba babesoyiswa bubuthongo. Bona ke baxakwa kukumphendula.

Umarko 14