25. Ndithi kuni, inene, andiyi kuphinda ndisele kwincindi yomdiliya, kude kube yiloo mini ndiyisela intsha kwikomkhulu likaThixo.”
26. Bakuba becule indumiso, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.
27. UYesu wathi kubo: “Ndiya kuba sisikhubekiso kuni nonke, kuba *iziBhalo zithi: ‘Ndiya kubulala umalusi, zichithakale iigusha!’
28. Xa ke ndithe ndavuswa ekufeni, ndiya kunandulela ukuya kwelaseGalili.”
29. Wathi ke uPetros kuye: “Nokuba baya kukhubeka bonke, mna andingekhe!”
30. UYesu wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, namhlanje, kwangobu busuku, ingekakhali kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.”
31. Kodwa yena waqokela wathi: “Noba kungade kufuneke ndife kunye nawe, andingekhe ndikukhanyele!”Batsho ke bonke.
32. Ke kaloku bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane; waza uYesu wathi kubafundi bakhe: “Hlalani apha ngeli xa ndithandazayo.”
33. Wahamba noPetros noYakobi noYohane, waza wangenwa luvalo, wadandatheka kakhulu,
34. wathi kubo: “Intliziyo yam ibuhlungu ukufa, iligazi. Hlalani apha nilinde.”