Umarko 14:25-34 Ibhayibhile (XHO96)

25. Ndithi kuni, inene, andiyi kuphinda ndisele kwincindi yomdiliya, kude kube yiloo mini ndiyisela intsha kwikomkhulu likaThixo.”

26. Bakuba becule indumiso, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.

27. UYesu wathi kubo: “Ndiya kuba sisikhubekiso kuni nonke, kuba *iziBhalo zithi: ‘Ndiya kubulala umalusi, zichithakale iigusha!’

28. Xa ke ndithe ndavuswa ekufeni, ndiya kunandulela ukuya kwelaseGalili.”

29. Wathi ke uPetros kuye: “Nokuba baya kukhubeka bonke, mna andingekhe!”

30. UYesu wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, namhlanje, kwangobu busuku, ingekakhali kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.”

31. Kodwa yena waqokela wathi: “Noba kungade kufuneke ndife kunye nawe, andingekhe ndikukhanyele!”Batsho ke bonke.

32. Ke kaloku bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane; waza uYesu wathi kubafundi bakhe: “Hlalani apha ngeli xa ndithandazayo.”

33. Wahamba noPetros noYakobi noYohane, waza wangenwa luvalo, wadandatheka kakhulu,

34. wathi kubo: “Intliziyo yam ibuhlungu ukufa, iligazi. Hlalani apha nilinde.”

Umarko 14