1. Ke kaloku kwakuziintsuku ezimbini phambi *kwePasika *netheko lezonka ezingenagwele. Ke ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho babefuna iqhinga lokumbamba uYesu, bambulale.
2. Kodwa babesithi: “Oku makungenziwa ngePasika, hleze kubekho isiphithi-phithi.”
3. Kwathi uYesu eseBhetani, esetafileni endlwini kaSimon uZitshangubana, kwafika umntu obhinqileyo, eneqhaga lelitye lelabhastile, linamafutha angangxengwanga axabiso likhulu esiqholo esiyinadusi. Waliqhekeza ke elo qhaga, wathambisa intloko kaYesu ngamafutha lawo.
4. Kwakukho abathile abacaphukáyo, besithi omnye komnye: “Kutheni na ukuba kwenziwe le nkcitho yamafutha aqholiweyo?
5. Ngethengiswe ngemali engaphezu kweerandi ezingamakhulu amathathu, kwaphiwa amahlwempu.” Baza ke bayikhalazela loo ntokazi.