31. Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”
32. “Ke akukho bani uwaziyo loo mhla nelo xesha. Nezithunywa ezisezulwini azazi, engazi naye uNyana lo. Kuphela nguYise owaziyo.
33. Lumkani ke ningozeli, kuba anazi ukuba lofika nini na ixesha elo.