Umarko 13:11-22 Ibhayibhile (XHO96)

11. Xa banibambayo banise ezinkundleni, musani ukuyixhalela into eniya kuyithetha, kodwa thethani oko nithe nakunikwa ngelo xesha, kuba asinini abathethayo, nguMoya oyiNgcwele.

12. Ke kaloku oonyana bomntu omnye baya kunikelana ekufeni, aze uyise anikele umntwana wakhe, baze nabantwana bavukele abazali, bababulale.

13. Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Ke lowo unyamezelayo kude kube sekupheleni wosindiswa.”

14. “Ke kaloku, xa nithe nalibona ‘isikizi elimanyumnyezi, mhla ngophanziso,’ lilapho lingamelwe kukuba khona (ofundayo makaqiqe), mabathi ngelo xesha abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni.

15. Ophezu kwendlu ke makangehli ukuya kuthatha nto endlwini yakhe.

16. Nalowo usentsimini makangabi sayiphuthuma ingubo yakhe.

17. Hayi ke kwabanzima nabadlezana ngaloo mihla!

18. Thandazelani ukuba oku kungenzeki ebusika,

19. kuba ngaloo mihla kuya kubakho imbandezelo engazange ibekho ukususela ekudalweni kwendalo nguThixo, kude kube ngoku, kwaye ingasayi kuphinda ibekho enjalo.

20. Ke ukuba iNkosi ibingayinciphisanga loo mihla, bekungayi kubakho bani usindayo; kodwa iNkosi ithe, ngenxa yabanyulwa abachongwe yiyo, yayinciphisa imihla leyo.

21. “Ngelo xesha ke, ukuba ubani uthe kuni: ‘Nanku apha *uKrestu;’ nokuba uthe: ‘Nankuya phaya;’ musani ukukholwa kuloo nto;

22. kuba kuya kuvela abathi banguKrestu bengenguye, kuvele *nabashumayeli abangengabo, benze imiqondiso nemimangaliso kangangokuba bade balahlekise nabanyulwa bakaThixo, ukuba oko bekunokwenzeka.

Umarko 13