1. Ke kaloku, bakusondela eJerusalem, eBhetefage naseBhetani, ngaseNtabeni yemiNquma, uYesu wathuma ababini kubafundi bakhe,
2. esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana ikhangelene nani. Nothi ke ningenanje nifumane inkonyana yedonki ibotshelelwe, ekungazange kukhwele mntu kuyo. Yikhululeni ke, niyizise apha.
3. Ukuba ubani uthe kuni: ‘Kutheni na ukuba nikwenze oku?’ ze nithi: ‘Iyafuneka eNkosini. Iza kubuyiswa kwangoku.’ ”
4. Basuka ke baya, bayifumana inkonyana ibotshelelwe ngasesangweni esitalatweni. Bakuyikhulula ke,
5. abathile kwababemi khona bathi kubo: “Nenza ntoni na, niyikhulula nje inkonyana?”
6. Bathetha ke njengoko babeyalelwe nguYesu, baza bayekwa.
7. Bayizisa inkonyana kuYesu, bandlala iingubo zabo phezu kwayo, wakhwela.
8. Abaninzi ke bandlala iingubo zabo endleleni, bathi abanye bandlala amahlamvu abawakhe emasimini.
9. Abo babehamba ngaphambili nabo babelandela ngasemva babedanduluka besithi: “Camagu! Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi!
10. Makabongwe oza kuvusa ulawulo lukaBawo uDavide! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke.”