Umarko 10:41-52 Ibhayibhile (XHO96)

41. Bakuyiva le nto ithethwa nguYakobi noYohane, abanye abafundi abalishumi bakhathazeka.

42. UYesu ke, ebabizele kuye, wathi kubo: “Niyazi ukuba ezintlangeni abo bathi bayalawula banobukhosi kuzo; nâbo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo.

43. Kodwa ke akunjalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu;

44. nofuna ukuba ngowokuqala, makabe sisicaka sabo bonke.

45. Kuba kaloku *noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.”

46. Bafika ke eJeriko. Xa uYesu nabafundi bakhe nesihlwele esikhulu babephuma apho eJeriko, unyana kaTimeyu, uBhartimeyu, imfama, wayehleli ngasendleleni engqiba.

47. Wathi ke akuva ukuba nguYesu waseNazarete, wadanduluka esithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”

48. Abaninzi babemkhalimela besithi makathi tu, kodwa kwaba kokukhona wadandulukayo ngakumbi esithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”

49. Wema uYesu, wathi: “Mbizeni.”Bayibiza imfama, besithi kuyo: “Yomelela; phakama; úyakubiza.”

50. Ithe ke imfama, ilahle ingubo yayo, yaphakama, yeza kuYesu.

51. UYesu wathi kuyo: “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?”Yathi kuye imfama: “Nkosi yam, ndifuna ukuba ndibone.”

52. Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.

Umarko 10