32. Ke kaloku babesendleleni, benyuka besiya eJerusalem, uYesu ehamba ngaphambili. Abafundi bakhe babemangalisiwe; abo bamlandelayo besoyika. Waphinda wabathatha abafundi abalishumi elinambini, waza wabaxelela izinto eziza kumhlela,
33. esithi: “Niyabona, siyenyuka, siya eJerusalem, apho *uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko, nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa, bamnikele kwabasemzini.
34. Bona ke baya kumenza intlekisa, bamtshicele, bamkatse, bambulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.”
35. Ke kaloku uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, beza kuYesu, bathi: “Mfundisi, sifuna ukuba usenzele oko sothi sikucele kuwe.”
36. Wathi kubo: “Nifuna ukuba ndinenzele ntoni na?”
37. Bathi bona kuye: “Sicela ukuba usinike ezona zikhundla ziphezulu xa usewongeni.”
38. Wathi kubo uYesu: “Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiyiselayo mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna?”
39. Bathi ke bona kuye: “Sinako.”Wathi ke uYesu kubo: “Okunene intlungu endiyivayo mna niya kuyiva nani, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo;
40. kodwa kona ukwaba izikhundla akulolungelo lam. Ezo zikhundla zezâbo bazilungiselelweyo nguThixo.”
41. Bakuyiva le nto ithethwa nguYakobi noYohane, abanye abafundi abalishumi bakhathazeka.