Umarko 10:27-43 Ibhayibhile (XHO96)

27. Ondele kubo, uYesu wathi: “Kubantu oku akunakwenzeka, kodwa kuThixo akunakungenzeki, kuba zonke izinto zinokwenzeka kuThixo.”

28. Waza uPetros wathi kuye: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela.”

29. Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngoodade wabo, nokuba ngunina, nokuba nguyise, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yam nangenxa yeendaba ezimnandi,

30. ongayi kuthi amkele kalikhulu: izindlu, nabantakwabo, noodade wabo, noonina, nabantwana, namasimi, zikunye neentshutshiso kweli phakade; aze ke athi kwelizayo iphakade amkele ubomi obungunaphakade.

31. Baninzi ke phofu abaya kuthi bengabokuqala babe ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.”

32. Ke kaloku babesendleleni, benyuka besiya eJerusalem, uYesu ehamba ngaphambili. Abafundi bakhe babemangalisiwe; abo bamlandelayo besoyika. Waphinda wabathatha abafundi abalishumi elinambini, waza wabaxelela izinto eziza kumhlela,

33. esithi: “Niyabona, siyenyuka, siya eJerusalem, apho *uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko, nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa, bamnikele kwabasemzini.

34. Bona ke baya kumenza intlekisa, bamtshicele, bamkatse, bambulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.”

35. Ke kaloku uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, beza kuYesu, bathi: “Mfundisi, sifuna ukuba usenzele oko sothi sikucele kuwe.”

36. Wathi kubo: “Nifuna ukuba ndinenzele ntoni na?”

37. Bathi bona kuye: “Sicela ukuba usinike ezona zikhundla ziphezulu xa usewongeni.”

38. Wathi kubo uYesu: “Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiyiselayo mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna?”

39. Bathi ke bona kuye: “Sinako.”Wathi ke uYesu kubo: “Okunene intlungu endiyivayo mna niya kuyiva nani, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo;

40. kodwa kona ukwaba izikhundla akulolungelo lam. Ezo zikhundla zezâbo bazilungiselelweyo nguThixo.”

41. Bakuyiva le nto ithethwa nguYakobi noYohane, abanye abafundi abalishumi bakhathazeka.

42. UYesu ke, ebabizele kuye, wathi kubo: “Niyazi ukuba ezintlangeni abo bathi bayalawula banobukhosi kuzo; nâbo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo.

43. Kodwa ke akunjalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu;

Umarko 10