17. Xa wayephuma uYesu ehamba, umntu othile weza ebaleka, waguqa phambi kwakhe, wambuza esithi: “Mfundisi olungileyo, ndingenza ntoni ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”
18. UYesu ke wathi kuye: “Kutheni usithi ndilungile nje? Akukho mntu ulungileyo. Mnye kuphela olungileyo: nguThixo.
19. Uyayazi le mithetho ithi: ‘Uze ungabulali; uze ungakrexezi; uze ungebi; uze ungangqini ubuxoki; uze ungaqhathi; beka uyihlo nonyoko.’”
20. Waphendula yena wathi kuye: “Mfundisi, zonke ezo zinto ndazenza kwasebuncinaneni bam.”
21. UYesu wathi akumondela, weva emthanda, wathi kuye: “Kukho nto inye uyisweleyo: hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, uyiphe amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”
22. Wadana akukuva oko, wemka ebuhlungu, kuba wayesisinhanha.
23. UYesu ke esinga-singile, wathi kubafundi bakhe: “Hayi ubunzima bokuba izityebi zikuxhamle ukulawulwa nguThixo!”
24. Ke abafundi bakhe bamangaliswa ngala mazwi akhe. Waza uYesu waphinda wathetha nabo, wathi kubo: “Bantwana bam, hayi ubunzima bokuxhamla ukulawulwa nguThixo.
25. Kungálula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi sixhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.”
26. Bamangaliswa kunene, bathi omnye komnye: “Ngubani ke onokusindiswa?”
27. Ondele kubo, uYesu wathi: “Kubantu oku akunakwenzeka, kodwa kuThixo akunakungenzeki, kuba zonke izinto zinokwenzeka kuThixo.”
28. Waza uPetros wathi kuye: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela.”