Umarko 1:6-16 Ibhayibhile (XHO96)

6. UYohane wayesambatha ingubo yoboya benkamela, abhinqe ngethwathwa. Wayesitya iinkumbi nobusi.

7. Wayeshumayela esithi: “Lowo uza emva kwam unamandla kunam. Bendingubani mna kakade ukuba ndingade ndikhulule imitya yezihlangu zakhe?

8. Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, kodwa yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.”

9. Ngaloo mihla ke weza uYesu, evela eNazarete kwelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eJordan apho.

10. Kuthe kwangoko, akuphuma uYesu emanzini, izulu lavuleka, wabona uMoya oyiNgcwele esihla phezu kwakhe njengehobe.

11. Kwavakala nelizwi elivela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe.”

12. Kwangoko uMoya oyiNgcwele wamqhubela entlango uYesu.

13. Waba lapho entlango iintsuku ezimashumi mane, elingwa nguSathana, ephakathi kwezilo zasendle. Izithunywa zezulu ke zazimlungiselela kwiintswelo zakhe.

14. Emva kokubanjwa kukaYohane, uYesu waya eGalili, evakalisa iindaba ezimnandi ezivela kuThixo,

15. esithi: “Lifikile ngoku ixesha. Luthwasile ulawulo lukaThixo. Guqukani, nikholwe kuzo ezi ndaba zimnandi.”

16. Ke kaloku kwathi ehamba ngakuLwandle lwaseGalili, wabona uSimon noAndreya umninawe wakhe bephosa umnatha elwandle. Kaloku bona babengabalobi beentlanzi.

Umarko 1