Umarko 1:28-32 Ibhayibhile (XHO96)

28. Lwathi ke udumo lukaYesu lwavakala kulo lonke elaseGalili.

29. Baphuma ke *endlwini yesikhungo, kwangoko baya kwindlu kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane.

30. Ke umkhwekazi kaSimon wayelele, egula yifiva, baza bamxelela uYesu ukuba akaphilanga.

31. Waya kuye uYesu, wamphakamisa embambe ngesandla; yaphela kwangoko loo fiva, waza wabalungiselela ukutya.

32. Kwathi ke ngokuhlwa, selitshonile ilanga, abantu bazisa kuye bonke abagulayo nabaneendimoni.

Umarko 1