Umarko 1:21-41 Ibhayibhile (XHO96)

21. Bangena ke kwidolophu yaseKapernahum, waza ke uYesu *ngoMhla wokuqala wokuPhumla wafundisa *endlwini yesikhungo.

22. Bamangaliswa abantu kukufundisa kwakhe, kuba wayefundisa ngegunya, engafundisi njengabachazi-mthetho.

23. Kwakukho umntu onendimoni endlwini yesikhungo apho, owayekhala esithi:

24. “Ufuna ntoni kuthi, Yesu waseNazarete? Ngaba uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi ukuba ungubani na: ungoyiNgcwele kaThixo!”

25. UYesu wayikhalimela loo ndimoni, esithi: “Yithi tu, uphume kulo mntu!”

26. Ke indimoni leyo yamxhuzula loo mntu, yaphuma kuye ibhomboloza.

27. Bamangaliswa bonke abantu, babuzana besithi: “Yaz'ba yintoni na le nto! Ngaba yimfundiso entsha? Ngathi lo mfo ufundisa ngegunya! Ewe, neendimoni ezi uyazikhalimela zimthobele!”

28. Lwathi ke udumo lukaYesu lwavakala kulo lonke elaseGalili.

29. Baphuma ke *endlwini yesikhungo, kwangoko baya kwindlu kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane.

30. Ke umkhwekazi kaSimon wayelele, egula yifiva, baza bamxelela uYesu ukuba akaphilanga.

31. Waya kuye uYesu, wamphakamisa embambe ngesandla; yaphela kwangoko loo fiva, waza wabalungiselela ukutya.

32. Kwathi ke ngokuhlwa, selitshonile ilanga, abantu bazisa kuye bonke abagulayo nabaneendimoni.

33. Bonke abantu baloo dolophu babehlanganisene ngasemnyango apho.

34. UYesu ke waphilisa abaninzi abagula zizifo ngezifo, ekhupha neendimoni. Iindimoni ezi wayengazivumeli ukuba zithethe, kuba zazimazi.

35. Kwathi kusesekuseni kakhulu, kusemnyama, wavuka uYesu, waya kuthandaza ngasese.

36. USimon nâbo babenaye baya kumfuna.

37. Bakuba bemfumene, bathi kuye: “Uyafunwa ngumntu wonke.”

38. Kambe ke yena wathi kubo: “Masihambe siye kwezinye iidolophu zalapha, ukuze nakhona ndizivakalise iindaba ezimnandi. Kaloku ndizele kanye loo nto.”

39. Walityhutyha lonke elaseGalili, eshumayela *ezindlwini zesikhungo, ekhupha iindimoni.

40. Kwasuka mntu uthile uneqhenqa weza kuYesu, wambongoza eguqe phambi kwakhe, wathi: “Unako ukundihlambulula ukuba uyathanda.”

41. UYesu wavelana naye, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye: “Ndiyathanda; hlambuluka.”

Umarko 1