Umarko 1:20-30 Ibhayibhile (XHO96)

20. Wababiza, baza ke bamshiya uyise uZebhedi esikhitshaneni apho enabaqeshwa, balandela uYesu.

21. Bangena ke kwidolophu yaseKapernahum, waza ke uYesu *ngoMhla wokuqala wokuPhumla wafundisa *endlwini yesikhungo.

22. Bamangaliswa abantu kukufundisa kwakhe, kuba wayefundisa ngegunya, engafundisi njengabachazi-mthetho.

23. Kwakukho umntu onendimoni endlwini yesikhungo apho, owayekhala esithi:

24. “Ufuna ntoni kuthi, Yesu waseNazarete? Ngaba uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi ukuba ungubani na: ungoyiNgcwele kaThixo!”

25. UYesu wayikhalimela loo ndimoni, esithi: “Yithi tu, uphume kulo mntu!”

26. Ke indimoni leyo yamxhuzula loo mntu, yaphuma kuye ibhomboloza.

27. Bamangaliswa bonke abantu, babuzana besithi: “Yaz'ba yintoni na le nto! Ngaba yimfundiso entsha? Ngathi lo mfo ufundisa ngegunya! Ewe, neendimoni ezi uyazikhalimela zimthobele!”

28. Lwathi ke udumo lukaYesu lwavakala kulo lonke elaseGalili.

29. Baphuma ke *endlwini yesikhungo, kwangoko baya kwindlu kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane.

30. Ke umkhwekazi kaSimon wayelele, egula yifiva, baza bamxelela uYesu ukuba akaphilanga.

Umarko 1