20. Wababiza, baza ke bamshiya uyise uZebhedi esikhitshaneni apho enabaqeshwa, balandela uYesu.
21. Bangena ke kwidolophu yaseKapernahum, waza ke uYesu *ngoMhla wokuqala wokuPhumla wafundisa *endlwini yesikhungo.
22. Bamangaliswa abantu kukufundisa kwakhe, kuba wayefundisa ngegunya, engafundisi njengabachazi-mthetho.
23. Kwakukho umntu onendimoni endlwini yesikhungo apho, owayekhala esithi:
24. “Ufuna ntoni kuthi, Yesu waseNazarete? Ngaba uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi ukuba ungubani na: ungoyiNgcwele kaThixo!”
25. UYesu wayikhalimela loo ndimoni, esithi: “Yithi tu, uphume kulo mntu!”
26. Ke indimoni leyo yamxhuzula loo mntu, yaphuma kuye ibhomboloza.
27. Bamangaliswa bonke abantu, babuzana besithi: “Yaz'ba yintoni na le nto! Ngaba yimfundiso entsha? Ngathi lo mfo ufundisa ngegunya! Ewe, neendimoni ezi uyazikhalimela zimthobele!”
28. Lwathi ke udumo lukaYesu lwavakala kulo lonke elaseGalili.
29. Baphuma ke *endlwini yesikhungo, kwangoko baya kwindlu kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane.
30. Ke umkhwekazi kaSimon wayelele, egula yifiva, baza bamxelela uYesu ukuba akaphilanga.