Umarko 1:16-28 Ibhayibhile (XHO96)

16. Ke kaloku kwathi ehamba ngakuLwandle lwaseGalili, wabona uSimon noAndreya umninawe wakhe bephosa umnatha elwandle. Kaloku bona babengabalobi beentlanzi.

17. UYesu wathi kubo: “Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngabalobi babantu.”

18. Bayishiya kwangoko ke iminatha yabo, bamlandela.

19. Uthe ke, ehambele phambili kancinane, wabona uYakobi noYohane umninawe wakhe, oonyana bakaZebhedi, besesikhitshaneni sabo, belungisa iminatha yabo.

20. Wababiza, baza ke bamshiya uyise uZebhedi esikhitshaneni apho enabaqeshwa, balandela uYesu.

21. Bangena ke kwidolophu yaseKapernahum, waza ke uYesu *ngoMhla wokuqala wokuPhumla wafundisa *endlwini yesikhungo.

22. Bamangaliswa abantu kukufundisa kwakhe, kuba wayefundisa ngegunya, engafundisi njengabachazi-mthetho.

23. Kwakukho umntu onendimoni endlwini yesikhungo apho, owayekhala esithi:

24. “Ufuna ntoni kuthi, Yesu waseNazarete? Ngaba uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi ukuba ungubani na: ungoyiNgcwele kaThixo!”

25. UYesu wayikhalimela loo ndimoni, esithi: “Yithi tu, uphume kulo mntu!”

26. Ke indimoni leyo yamxhuzula loo mntu, yaphuma kuye ibhomboloza.

27. Bamangaliswa bonke abantu, babuzana besithi: “Yaz'ba yintoni na le nto! Ngaba yimfundiso entsha? Ngathi lo mfo ufundisa ngegunya! Ewe, neendimoni ezi uyazikhalimela zimthobele!”

28. Lwathi ke udumo lukaYesu lwavakala kulo lonke elaseGalili.

Umarko 1