9. “Ke ngoko khanimbongoze uThixo ukuze asenzele inceba! Oku kwenziwe zizandla zenu; ngaba uya kunamkela na?” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
10. “Akwaba bekungakho ubani kuni owavalayo amasango ale ndlu, ukuze niyeke ukwenza imililo ephuthileyo kweli qonga! Andanelisekanga tu nini, futhi andiyi kwamkela nto esandleni senu.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
11. “Ukususela empumalanga, kuye entshonalanga, igama lam loba yimbalasane ezizweni. Ewe, kuyo yonke indawo igama lam lenzelwa iziqhumiso, kunikelwa iminikelo ehlambulukileyo; kaloku igama lam liyimbalasane ezizweni.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.