43. Batsho bamangaliswa ke bonke kukusebenza kwamandla kaThixo.Ke bonke babemangalisiwe zizinto zonke awayezenza uYesu; waza wathi kubafundi bakhe:
44. “Waphulaphuleni kakuhle la mazwi: *uNyana woLuntu wonikelwa ezandleni zabantu.”
45. Kodwa bona babengaliqondi eli lizwi – lalifihlakele kubo. Babesoyika nokumbuza ngalo.
46. Ke kaloku babephikisana ngokuba nguwuphi na omkhulu phakathi kwabo.
47. UYesu ke, ezazi iingcamango zeentliziyo zabo, uthathe umntwana, wammisa ngakuye,
48. wathi kubo: “Othe wamamkela lo mntwana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo undithumileyo; kuba oyena mncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.”
49. Wavakala uYohane esithi: “Mhlekazi, sibone umntu ekhupha iindimoni ngegama lakho, saza samnqanda, kuba akakulandeli kunye nathi.”
50. Ke uYesu wathi kuye: “Sanukumnqanda, kuba ongachasananga nani ungakuni.”
51. Yakusondela imihla yokuba uYesu anyuselwe ezulwini, wazimisela ukuya eJerusalem.
52. Ke kaloku wathuma abathunywa bakhe, ukuba bamandulele. Bahamba ke, baya kungena kwidolophana yamaSamariya, khon' ukuze bamlungiselele;
53. kodwa amaSamariya akavumanga ukumamkela, kuba uYesu wayesinga eJerusalem.
54. Bekubonile oko abafundi bakhe uYakobi noYohane, bathe: “Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho kuhle umlilo ezulwini, ubatshabalalise?”
55. Wathi guququ, wabakhalimela;
56. baza baya dolophaneni yimbi.
57. Kwathi, besendleleni, othile wathi kuYesu: “Nkosi, ndiya kuba ngumlandeli wakho, ndiye naphi na apho uthe waya khona.”
58. Waza uYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwana; kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.”
59. Wathi komnye: “Yiba ngumlandeli wam.”Ke yena wathi: “Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.”
60. UYesu wathi kuye: “Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo. Ke wena, hamba uye kushumayela uvakalise ulawulo lukaThixo.”