3. Wathi kubo: “Ze ningaphathi nto yandlela: nokuba ngumsimelelo, nokuba yingxowa, nokuba sisonka, nokuba yimali. Ningaphathi zambatho ngazibini.
4. Nasemzini enithe nafikela kuwo, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo.
5. Apho sukuba benganamkeli, manithi ekuphumeni kwenu kuloo dolophu, niluvuthulule nothuli olusezinyaweni zenu, ukuze oko kube bubungqina bokuba abanamkelanga.”
6. Baphuma ke, bazityhutyha iidolophana, beshumayela iindaba ezimnandi, bephilisa kuzo zonke iindawo.
7. UHerode, owayephethe kuloo mmandla, waziva zonke izinto ezenziweyo nguYesu. Wasuka wanexhala, kuba kwakusithiwa: “Kuvuke uYohane kwabafileyo;”
8. kusithiwa: “Kubonakele uEliya;” kusithiwa ngabanye: “Kubuye kwavuka *umshumayeli wexesha lamanyange.”
9. UHerode ke wathi: “Ndamnqumla intloko nje uYohane. Ngaba ngubani ke lo ndiva kuthethwa ezi zinto ngaye?” Watsho wafuna ukumbona.
10. Ekubuyeni kwabo *abathunywa bamxelela uYesu oko bakwenzileyo. Wabathatha ke, wemka nabo, waya kwidolophu ekuthiwa yiBhetesayida.
11. Sithe isihlwele, sikwazile oko, samlandela; waza uYesu wasamkela, wathetha naso ngolawulo lukaThixo, ephilisa abo baswele impilo.