25. Kuba kaloku komnceda ntoni na umntu ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, abe yena ezilahlile okanye onakalelwe?
26. Kuba othe waneentloni ngam, nangamazwi am, naye uNyana woLuntu woba neentloni ngaye, xa eza esewongeni lakhe nelikaYise nelezithunywa ezingcwele.
27. Inene, kukho abathile kwabakhoyo apha abangayi kuze beve kufa, bade balubone ulawulo olutsha lukaThixo.”
28. Kwathi, malunga neveki emva kokuba uYesu ezithethile ezi zinto, wathatha uPetros noYohane noYakobi, wenyuka nabo waya entabeni, esiya kuthandaza.
29. Kwathi ethandaza njalo, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nesambatho sakhe siqaqambile, simenyezela.
30. Kwavela amadoda amabini, uMosis noEliya, bathetha naye.
31. Babebengezela, baza bancokola naye ngokunduluka kwakhe okwakumele ukuba seJerusalem.
32. Ke kaloku uPetros nâbo babenaye basindwa bubuthongo, kodwa bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bukaYesu, bewabona naloo madoda mabini ayemi naye.
33. Ke akwahlukana noYesu la madoda, uPetros wathi kuye: “Ngxatsho ke ukuba sibe lapha, Mhlekazi! Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.” (Watsho engayazi into ayithethayo.)
34. Kwathi ke esatsho, kwabakho ilifu elibagubungelayo. Boyika ke abafundi bakungena efini ooMosis.
35. Kwabakho nelizwi liphuma efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam onyuliweyo; mveni yena.”