Uluka 7:42-47 Ibhayibhile (XHO96)

42. Ekubeni bengenanto bangahlawula ngayo, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi kubo oya kumthanda ngakumbi?”

43. Waphendula uSimon wathi: “Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu.”Wathi kuye: “Uchane ucwethe!”

44. Wajika ke uYesu, wakhangela kumfazi lowo, wathi kuSimon: “Uyambona ke lo mfazi? Ndingené endlwini yakho, waza wena akwandinika amanzi okuhlamba iinyawo zam; kanti ke yena iinyawo zam uzihlambe ngeenyembezi zakhe, wazisula ngeenwele zakhe.

45. Akundanganga wena; kanti yena, okoko ndingenileyo, akayekanga ukuzanga iinyawo zam.

46. Intloko yam akuyithambisanga ngamafutha; kanti yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo.

47. Ngenxa yoko ke, ndithi kuwe: olu thando lwakhe lungaka lubonakalisa okokuba izono zakhe ebezizininzi zixolelwe. Kanti ke yena oxolelwe kancinane, ukwathanda kancinane.”

Uluka 7